1 Samuel 17:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wateta kumadoda abemi ngakuye, esiti: Kuya kwenzwa nto nina kulondoda ebulalayo lom‐Filistiya, nesusayo ihlazo kwa‐Sirayeli? ngokuba engubanina lom‐Filistiya ongalukileyo, ukuba agxeke amabandla katixo ohleliyo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha uDavide kumadoda abemi ngakuye, wathi, Yothiwani na indoda embuleleyo lo mFilisti, yayisusa ingcikivo kwaSirayeli? Ngokuba ungubani na umFilisti, le nto ingalukileyo, ukuba ade angcikive izintlu zikaThixo ophilileyo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha uDavide kumadoda abemi phambi kwakhe, wathi, Ngubani na othe wabulala laa mFilisti, walisusa ihlazo lamaSirayeli? ngenxa yokuba ngubani na laa mFilisti ungalukanga ukuba ade ayidele imiyalelo yoThixo ophilayo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wabuzisa kumadoda awayemi ngakuye, wathi: “Nithi uya kwenzelwa ntoni umntu obulele laa mFilistiya, awakhuphe kweli hlazo amaSirayeli? Ingubani kakade yona laa ntlanga ingalukanga yomFilistiya idela umkhosi kaThixo ophilayo?”