1 Samuel 17:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Eliyabe, umkuluwe wake omkulu, weva akuteta kulomadoda; yandula yavuta ingqumbo ka‐Eliyabe ngakuye u‐Davide, wati: Yinina ukuba uhlele apa? kanjalo uzishiyile kubanina ezogusha zincinane entlango? ndiyazi mna ir̔atshi lako, nenkohlakalo yentliziyo yako; ngokuba uhlile, ukuze ubone ukulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayekuva uEliyabhi, umkhuluwa wakhe, ukuthetha kwakhe namadoda. Wavutha umsindo kaEliyabhi kuDavide, wathi, Uhleleni na? Uyishiye nabani na laa mpahla imfutshane imbalwa entlango?Ndiyakwazi mna ukukhukhumala kwakho, nobubi bentliziyo yakho;ngokuba uhle uze kubonela ukulwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weva uEliyabhi, umkhuluwa wakhe, ethetha naloo madoda; Wavutha umsindo kaEliyabhi kuDavide, wathi, Ifike apha? Uyishiye nabani na laa mpahla imfutshane imbalwa entlango? Ndiyakwazi mna ukukhukhumala kwakho, nobubi bentliziyo yakho; ngokuba nihle nize kubona imfazwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umkhuluwa kaDavide uEliyabhi wamvela uDavide ethetha naloo madoda. Wacaphuka, wathi kuDavide: “Uzokwenza ntoni apha, kwedini? Laluswa ngubani na elaa gcuntswana leegusha entlango ulapha nje? Ntondini inekratshi ikhohlakeleyo, uzele nje ukuza kubukela idabi wena!”