1 Samuel 17:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Davide wati ku‐Saule: Isicaka sako besisalusa igusha zoyise waso; kwaye kufika ingonyama, nebere, ebisusa igusha emhlambini;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuSawule, Umkhonzi wakho lo ebesalusa impahla emfutshane kayise, kwafika ingonyama nebhere, yathabatha ixhwane emhlambini;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuSawule, Umkhonzi wakho ebesalusa impahla emfutshane kayise, kwafika ingonyama nebhere, yathabatha ixhwane emhlambini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mhlekazi,” kutsho uDavide, “ndim owalusa iigusha zikabawo. Xa kuthe kwakho ingonyama okanye ibhere exhwila itakane emhlambini,