1 Samuel 17:39 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wabinqa iṙele lake pezu kwezivato zake, wafuna ukuhamba, ngokuba ebengalilinganga. Wandula u‐Davide wati ku‐Saule: Andingeye nezizinto, ngokuba ndingazilinganga. Ngako u‐Davide wazisusa kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide walibhinqa ikrele ngaphezu kweengubo zakhe, wazama ukuhamba ngazo; ngokuba ebengekazilingi. Wathi uDavide kuSawule, Andinako ukuhamba nezi zinto, ngokuba andizilinganga.UDavide wazihluba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide walibopha ikrele lakhe esikrweqeni sakhe, wazama ukuhamba; ngokuba engangqinanga. Wathi uDavide kuSawule, Andinako ukuhamba nawo; kuba andizange ndizame. uDavide wazithabatha kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide waxwaya ikrele likaSawule, waza wanga angahamba, suka akaba nako, kuba wayengaziqhelanga ezi zixhobo. Ubhekise kuSawule wathi: “Andikwazi ukuhamba ndinxibe ezi zinto; kaloku andiziqhelanga.” Watsho wazikhulula zonke.