1 Samuel 17:47 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kanjalo wonke lomhlambi wokwazi ukuba uyehova akasindisi ngeṙele nangentshuntshe; ngokuba ukulwa kuko kukayehova, oya kuninikela esandleni setu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
lazi lonke eli bandla, ukuba akungakrele, akungantshuntshe ukusindisa kukaYehova; ngokuba imfazwe yekaYehova; woninikela ke esandleni sethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Liya kwazi lonke eli bandla, ukuba uYehova akahlanguli ngakrele nantshuntshe; ngokuba imfazwe yekaYehova, woninikela esandleni sethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sonke esi sihlwele esihlangene apha soqonda ukuba uNdikhoyo akadingi makrele namikhonto ukusindisa abantu bakhe. Nguye olilawulayo idabi, yaye nonke uza kuninikela ezandleni zethu.”