1 Samuel 17:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati ke yona yema yabiza emabandleni ama‐Sirayeli, yati kuwo: Kunganina ukuba nipumile ukuza kuzicwangcisa ukulwa? andinguye na um‐Filistiya, nani anizizicaka zika‐Saule na? zinyuleleni indoda, ize ihlele kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yema, yamemeza kwizintlu zakwaSirayeli, yathi kuzo, Yini na ukuba niphume nakhe uluhlu lokulwa? Andinguye na umFilisti, naye nina ningabakhonzi bakaSawule? Zikhetheleni indoda, ihle ize kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wesuka wema, wayibiza imikhosi yakwaSirayeli, wathi kuyo, Yini na ukuba niphume nalungiselela ukulwa kwenu? Andinguye na umFilisti, nabakhonzi bakho uSawule? Zinyuleleni indoda, ihle ize kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UGoliyati wema bhuxe, wakhwaza ebhekisa kwizintlu zamaSirayeli, wathi: “Wa, zicakandini zikaSawule, nenzani apho? Makuliwe! NdingumFilistiya mna; mayiphume ngapha ibe nye, sigagane.