1 Samuel 18:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, akuba egqibile ukuteta ku‐Saule, wandula umpefumlo ka‐Jonatane wanxityelelwa empefumlweni ka‐Davide; waye u‐Jonatane wamtanda njengompefumlo wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, xa agqibileyo ukuthetha kuSawule, umphefumlo kaYonatan wabophana nomphefumlo kaDavide; uYonatan wamthanda njengomphefumlo wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, akugqiba ukuthetha noSawule, umoya kaYonatan wanamathela entliziyweni kaDavide; uYonatan wamthanda njengokuzithanda kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bayigqiba incoko yabo ooSawule noDavide. Intliziyo yonyana kaSawule, uJonatan, yaphakelana kanobom nekaDavide, wamthanda ngale ndlela azithanda ngayo yena.