1 Samuel 18:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka u‐Saule wabinza ngentshuntshe, wati: Ndiya kumbetela u‐Davide kwa seludongeni; kodwa u‐Davide wapepa ebusweni bake kabini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USawule wabinza ngentshuntshe, wathi, Ndiya kumqhama nodonga uDavide. UDavide waphepha izihlandlo zazibini phambi kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSawule wabinza ngentshuntshe; ngokuba wathi, Ndiya kumbethelela eludongeni uDavide. uDavide wamshiya kwada kwakabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndingambethelela koluya ludonga ngalo mkhonto lo Davide,” uzitsholo uSawule. Waba selemjula uDavide ngawo, kodwa yena wawuphepha zozibini izihlandlo uDavide.