1 Samuel 18:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Saule wati ku‐Davide: Nanku u‐Merabi, intombi yam enkulu, endiya kumnika kuwe abe ngumfazi; kupela ube ngunyana wobuṙoti kum, ulwe imfazwe zikayehova. Ngokuba u‐Saule ebesiti: Masingabi ngakuye isandla sam, masibe ngakuye isandla sama‐Filistiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSawule kuDavide, Nantso intombi yam enkulu, uMerabhi; ndiya kunika ibe ngumkakho; kodwa yiba ngumfo onobukroti kum, ulwe iimfazwe zikaYehova. USawule ebesithi, Makungafiki esam isandla kuye, makufike esamaFilisti isandla kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSawule kuDavide, Yabona, uMerabha, intombi yam enkulu, ndiya kunika ibe ngumkakho; kodwa yibani nesibindi ngenxa yam, nilwe iimfazwe zikaYehova ngokuba wathi uSawule, Masingalwi isandla sam kuye, masiye kuye izandla zamaFilisti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USawule wabiza uDavide, wathi kuye: “Nanku uMerabhi, intombi yam enkulu. Ndiya kumendisela kuwe. Wena ke uzundikhonze ngobugorha, ulwe amadabi *kaNdikhoyo.” USawule wayesithi: “Andizukumsa sandla mna ngokwam; mayibe ngamaFilistiya.”