1 Samuel 18:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Saule: Ndiya kumnika yena, ukuba abe ngumgibe kuye, nokuba isandla sama‐Filistiya sibe ngakuye. Ngako u‐Saule wati ku‐Davide: Uya kuba ngumyeni kum namhla ngowesibini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSawule, Ndiya kumnika yona ibe ngumgibe kuye, sibe kuye isandla samaFilisti. Wathi uSawule kuDavide, Uya kuba ngumyeni kum namhla ngandlela mbini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSawule, Ndiya kumnika yona ibe ngumgibe kuye, sibe phezu kwakhe isandla samaFilisti. Wathi uSawule kuDavide, Yena uya kuba ngumyeni kum namhla kwenye kuzo zombini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wacamanga wathi: “Heke! UMikali ndiza kumendisela kuDavide. Ndiza kumbambisa ngaye uDavide lo, aze abulawe ngamaFilistiya.” Ke uSawule wathi kuDavide: “Nali ithuba lakho lesibini lokuba ngumkhwenyana wam.”