1 Samuel 18:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Saule wayalela izicaka zake, wati: Tetani ku‐Davide ngasese, nisiti: Bona ke, ukumkani ukolisiwe nguwe, nazo zonke izicaka zake ziyakutanda; ngako kaloku yiba ngumyeni kuye ukumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USawule wabawisela abakhonzi bakhe umthetho, wathi, Thethani ngasese kuDavide, nithi, Yabona, ukumkani ukunanzile, bonke abakhonzi bakhe bayakuthanda; ke ngoko yiba ngumyeni kukumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSawule wabawisela abakhonzi bakhe umthetho, wathi, Thethani kuDavide ngasese, nithi, Yabona, ukumkani ukunanzile, nabakhonzi bakhe bonke bayakuthanda; kaloku yiba ngumyeni kukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathuma amaphakathi akhe uSawule, esithi: “Thethani noDavide bucala, nithi: ‘Ukumkani ukholisekile nguwe, yaye onke amagosa kakumkani ayakuthanda. Ngoko ke yiba ngumkhwenyana kakumkani.’ ”