1 Samuel 18:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Saule wati: Niya kutsho ku‐Davide ukuti: Ukumkani akanyamekeli ikazi, kodwa ikulu lamajwabu ama‐Filistiya, ukuze kupindezelwe ezintshabeni zokumkani. Kanti u‐Saule wacinga ukumwisa u‐Davide ngesandla sama‐Filistiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSawule, Yitshoni kuDavide ukuthi, Ukumkani akananze khazi; lingaba likhulu leenyama zokwaluswa zamaFilisti, ukuba aziphindezelele ezintshabeni zokumkani. Ke uSawule ubecinga ukumwisa uDavide ngesandla samaFilisti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSawule, Yiyani kuDavide, nithi, Ukumkani akabunqweneli ubukumkani; lilikhulu leemfele zamaFilisti, ukuze aziphindezelele kubakhonzi bokumkani. Kodwa uSawule wayezimisele ukumyeka uDavide abulawe ngamaFilistiya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USawule wathi: “Yitshoni kuDavide ukuthi: ‘Kuphela kwakhazi alifunayo kuwe ukumkani ngamajwabu amaFilistiya alikhulu awe edabini. Ufuna ukuziphindezela ngolo hlobo kwiintshaba zakhe.’ ” Kaloku yayilicebo likaSawule lokubulala uDavide ngesandla samaFilistiya.