1 Samuel 18:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako wesuka u‐Davide waya, yena namadoda ake, wabulala amadoda angamakulu mabini pakati kwama‐Filistiya; wati u‐Davide wazisa amajwabu awo, baza bawanika ngelonani lonke kukumkani, ukuba abe ngumyeni kuye ukumkani. Wandula u‐Saule wamnika u‐Mikali, intombi yake, abe ngumfazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka uDavide, waya yena namadoda akhe, wabulala kumaFilisti amadoda angamakhulu amabini. UDavide wazizisa iinyama zokwaluswa zawo, wazinika ukumkani zingangoko zingako, ukuba abe ngumyeni kukumkani. USawule wamnika ke uMikali intombi yakhe, yangumkakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphuma ke uDavide, wahamba, yena namadoda akhe, wabulala kumaFilisti amakhulu amabini amadoda; uDavide wazizisa iintsuba zabo, bamxelela ukumkani zonke iindaba ezo, ukuze abe ngumyeni kukumkani. uSawule wamnika ke uMikali intombi yakhe, yangumkakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waphuma namadoda omkhosi wakhe, wabulala amakhulu amabini amaFilistiya. Waya nezo nyama zazisikwe kuwo, wazinika ukumkani zonke, ukuze abe ngumkhwenyana kakumkani. Waza ke uSawule wendisela uMikali intombi yakhe kuDavide.