1 Samuel 18:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zandula zapuma inkosi zama‐Filistiya: kwaye kute, nxa sukuba zipumile, u‐Davide wenza ngobulumko pezu kwazo zonke izicaka zika‐Saule, lada igama lake lanconywa kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baphuma abathetheli bamaFilisti; kwathi, bakuphuma, uDavide wenza ngengqiqo ngaphezu kwabakhonzi bonke bakaSawule.Lanconywa kunene igama lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zandula ke iinkosana zamaFilisti zemka, yaye emva kokuba zihambile, uDavide waqhubeka esenza ngengqiqo ngaphezu kwabo bonke abakhonzi bakaSawule; ukuze igama lakhe libe likhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iinkokheli zamaFilistiya zazimana ukuwahlasela amaSirayeli. Kuwo onke loo madabi uDavide wayetshatshela ukudlula zonke ezinye iinkokheli eziphantsi koSawule. Ngenxa yaloo nto ke igama likaDavide laba nodumo.