1 Samuel 18:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Davide wapumela apo asukuba u‐Saule ebemtumela kona, wenza ngobulumko; waza u‐Saule wambeka pezu kwamadoda okulwa; waekolekile emehlweni abantu bonke, nasemehlweni ezicaka zika‐Saule kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma uDavide, waya apho wathunywa khona nguSawule, wenza ngengqiqo. USawule wammisa phezu kwamadoda okulwa; walunga emehlweni abantu bonke, nasemehlweni abakhonzi bakaSawule.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphuma uDavide, waya apho wathunywa khona nguSawule, wenza ngengqiqo; uSawule wamenza umphathi wamadoda okulwa. Wakholeka emehlweni abantu bonke, nasemehlweni abakhonzi bakaSawule.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wayephumelela kuyo yonke imicimbi athunywa yona nguSawule, waza ke uSawule wamnyusela wamenza umphathi emkhosini wakhe. Eso senzo sabakholisa bonke abantu kunye namagosa omkhosi kaSawule.