1 Samuel 18:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ekutikeni kwabo, nxa u‐Davide abebuya ekubulaleni um‐Filistiya, kwapuma abafazi kuzo zonke izixeko zakwa‐Sirayeli, ngokuvuma nangemidudo, ukuya kumkaulela u‐Saule ukumkani, ngentambula, na ngovuyo, nangeziculiso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ekufikeni kwabo, ekubuyeni kukaDavide ekumbulaleni umFilisti, baphuma abafazi emizini yonke yakwaSirayeli, bevuma ingoma, bengqungqa, besiza kumkhawulela uSawule ukumkani ngeengqongqo, nangovuyo, nangeetriyangile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekufikeni kwabo, xa uDavide wabuyayo ekuxabeleni umFilisti, abafazi beza bevela kuzo zonke izixeko zakwaSirayeli, bevuma ingoma yaye bengqungqa ukuya kuhlangabeza uKumkani uSawule ngamagubu ngovuyo nangeempahla zokuvuma.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukubuya kukaDavide kunye nomkhosi emfazweni, emva kokuba wayebulele uGoliyati, baphuma bonke abafazi beedolophu zakwaSirayeli, beze kuhlangabeza ukumkani uSawule. Babesombela, bengqungqa, bebetha iintambula neekatala.