1 Samuel 18:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Saule waqumba kunene, ngokuba belibi emehlweni ake ilizwi elo; wayesiti: Banikile ku‐Davide amawaka alishumi, kanti kum banikile amawaka odwa; kuseko ukunikwa kuye ubukumkani kupela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USawule wavutha kunene ngumsindo, lalibi emehlweni akhe elo lizwi; wathi, UDavide bamnike amawaka alishumi, mna bandinike amawaka nje; sekusele ukuthi ubukumkani bube bobakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavutha kunene ngumsindo uSawule; uthi, uDavide bamnika ishumi lamawaka, kodwa bandinika iwaka lodwa; kwaye yintoni anokuyizuza ngaphezu korhulumente?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USawule akazange ayithande loo nto, wacaphuka gqitha. Wavakala esithi: “UDavide bambalela amashumi ngamashumi amawaka, kodwa mna bandibalela amawaka ngamawaka nje. Selibubukumkani nje into angekabi nayo!”