1 Samuel 19:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Saule wafuna ukumbetela u‐Davide ngentshuntshe kwa seludongeni; kodwa wanyebeleza ebusweni buka‐Saule, owabetela intshuntshe eludongeni; wati u‐Davide wabaleka, wasinda ngobobusuku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USawule wafuna ukumqhama nodonga uDavide ngentshuntshe.Wathi nyebelele ebusweni bukaSawule; watsho yangena intshuntshe eludongeni. Wasaba uDavide, wasinda ngobo busuku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSawule wazama ukumxhoma ngentshuntshe uDavide eludongeni; Wesuka ebusweni bukaSawule, waluhlaba udonga ngomkhonto wakhe; Wasaba ke uDavide ngobo busuku.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawujula umkhonto uSawule, efuna ukubethelela ngawo uDavide eludongeni. Suka waphepha yena uDavide, umkhonto wona watshona lé eludongeni apho.