1 Samuel 19:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Saule watuma izigidimi ukuya endlwini ka‐Davide, zimlinde, zimfise kwakusa: koko u‐Mikali, umfazi wake, wamxelela u‐Davide, esiti: Ukuba akusindisi ubomi bako ngobubusuku, ngomso uya kufiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USawule wathumela abathunywa endlwini kaDavide ukuba bamlinde, bambulale kusasa. UMikali, umkakhe, wamxelela uDavide, esithi, Ukuba uthe akwawusindisa umphefumlo wakho kwangobu busuku, wobulawa ngomso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuya uSawule wathumela abathunywa endlwini kaDavide ukuba bamlinde, bambulale kusasa; uMikale, umkaDavide, wamxelela, wathi, Ukuba uthe akwawusindisa umphefumlo wakho ngobu busuku, wobulawa ngomso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngobo busuku waphuncuka wabaleka uDavide. USawule wathumela amadoda ukuba aye kungqinga indlu kaDavide, ukuze ambulale kwakusa. UMikali walumkisa umyeni wakhe uDavide, wathi: “Ukuba akubaleki umke apha ngobu busuku, ngomso woba ngofileyo!”