1 Samuel 19:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Saule watuma izigidimi ukuya kumtabata u‐Davide: kwati kwakubonwa umhlambi wabaprofite beprofitesha, no‐Samyali emi, emisiwe pezu kwabo, kwabako umoya katixo pezu kwezigidimi zika‐Saule, zaye ziprofitesha nazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USawule wasusa abathunywa bokumbamba uDavide. Babona ibandla labaprofeti beprofeta, noSamuweli emi engumongameli wabo. UMoya kaThixo wabafikela abathunywa bakaSawule, baprofeta kananjalo nabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSawule wasusa abathunywa ukuba baye kumphuthuma uDavide; Babona into eninzi yabaprofeti iprofeta, inguSamuweli phezu kwabo, wehla uMoya kaThixo phezu kwabathunywa bakaSawule, baprofeta kananjalo nabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wathumela amadoda, efuna ukumbamba. Abona iqela labashumayeli lihamba lishumayela, likhokelwe nguSamweli. UMoya kaThixo wawafikela loo madoda awayethunywe nguSawule, nawo angenelela ahamba nabashumayeli.