1 Samuel 19:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Jonatane wateta okulungileyo ngaye u‐Davide ku‐Saule uyise, wati kuye: Makangoni ukumkani ngakuso isicaka sake, ngakuye u‐Davide; ngokuba engonanga ngakuwe, nangokuba izenzo zake kuwe zilungile kakulu:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYonatan wathetha okulungileyo ngoDavide kuSawule uyise, wathi kuye, Makangoni ukumkani kumkhonzi wakhe uDavide; ngokuba akonanga kuwe; kuba izenzo zakhe zithe zalunga kunene kuwe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYonatan wathetha okulungileyo ngoDavide kuSawule uyise, wathi kuye, uYehova makangoni kumkhonzi wakhe uDavide; ngokuba akonanga kuwe, nangenxa yokuba imisebenzi yakhe ibilungile kakhulu kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJonatan wathetha ngoDavide kuSawule, emncoma esithi: “Mhlekazi, noko ngewungamenzi nto imbi umkhonzi wakho uDavide; akukho nto wakha wakona ngayo. Usuke waba luncedo kakhulu kuwe ngayo yonke into ayenzileyo.