1 Samuel 19:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba ebebeka ubomi bake esandleni sake, wambulala um‐Filistiya lowo, wati uyehova wenzela o‐Sirayeli bonke usindiso olukulu: ubulubona wena, wavuya nokuvuya: yinina ngoko ukuba uya kwona ngakulo igazi elingenatyala, ngokumfisa u‐Davide kungeko nto?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
umphefumlo wakhe wawenza isichenge, wambulala umFilisti, uYehova wawenzela amaSirayeli onke usindiso olukhulu; wabona nawe wavuya. Yini na ke ukuba wone kwigazi elimsulwa, umbulale uDavide kungekho sizathu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawunikela umphefumlo wakhe esandleni sakhe, wambulala umFilisti. uYehova wawazisa usindiso olukhulu amaSirayeli onke; wabona, wavuya; Yini na ukuba ube netyala legazi elimsulwa, ngokubulala nje uDavide?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nangamhla wabulala uGoliyati obakhe ubomi wabubeka esichengeni, waza *uNdikhoyo wawanika uloyiso olukhulu amaSirayeli. Yaye nawe wavuya kakhulu ukuyibona le nto. Yini na ukuba wone umntu ongenatyala, umbulale uDavide kungekho sizathu?”