1 Samuel 2:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Hana watandaza, wati: Intliziyo yam iyagcoba ngoyehova; upondo lwam lupakanyisiwe ngoyehova: umlomo wam uvulekile kakulu pezu kwentshaba zam; ngokuba ndivuya ngako ukusindisa kwako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathandaza uHana, wathi, Intliziyo yam idlamkile ngoYehova, Uphondo lwam luphakanyisiwe nguYehova. Uvulekile umlomo wam kakhulu ngazo iintshaba zam; Ngokuba ndivuyele usindiso lwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathandaza uAna, wathi, Intliziyo yam idlamkile ngoYehova, Uphondo lwam luphakanyisiwe nguYehova. Uvulekile umlomo wam ngazo iintshaba zam; ngokuba ndivuyela usindiso lwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uHana wathandaza emtyibela *uNdikhoyo, wathi: “Intliziyo yam inemincili ngawe, Ndikhoyo! Uphondo lwam luphakanyisiwe nguwe. Awuhlangani umlomo wam kukuqhayisela iintshaba zam, ndichulumanca lusindiso lwam.