1 Samuel 2:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abapikayo noyehova baya kuqekezwa; kwa sezulwini uya kududumisa pezu kwabo; uyehova uya kugweba izipelo zomhlaba, anike ukumkani wake amandla, apakamise upondo lwomtanjiswa wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova yenabaya kuqhiphuka umbilini ababambana naye.Uya kududumisa phezu kwabo emazulwini; UYehova uya kuzigweba iziphelo zehlabathi, Amnike ukumkani wakhe amandla, Aluphakamise uphondo lomthanjiswa wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abachasi bakaYehova baya kutyunyuzwa; ududuma phezu kwabo emazulwini: uYehova uya kugweba phakathi kwehlabathi; uya kumnika amandla ukumkani wakhe, aluphakamise uphondo lomthanjiswa wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bobhanga kuthi tu abachas' uNdikhoyo; wozongom' emazulwini barhwaqele. Nguye olawula namaphethel' ehlabathi. Uya kumambesa ngamandla ukumkani, luphakame uphondo lomthanjiswa wakhe.”