1 Samuel 2:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka u‐Lekana waya e‐Rama, endlwini yake: kodwa umntwana ebekonza uyehova ebusweni buka‐Heli umperisite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka uElikana, waya endlwini yakhe; ke umntwana ebelungiselela kuYehova phambi kukaEli umbingeleli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wesuka uElikana, waya endlwini yakhe; Le nkwenkwana yayikhonza uYehova phambi kombingeleli uEli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bagoduka ke ooElikana baya eRama, yasala apho eShilo yona inkwenkwe, ikhonza uNdikhoyo phambi kombingeleli uEli.