1 Samuel 2:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo isiko labaperisite ngakubo abantu, kwati kwakubinga umntu umbingo, sandula isicaka somperisite, nxa inyama ibisapekwa, seza neforoke inamazinyo amatatu esandleni saso,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwanesilunga sababingeleli esiphuma ebantwini, akubon ukuba umntu ubingelela umbingelelo, kwaza kweza umfana wakwambingeleli, xa iphekiweyo inyama, enefolokhwe emazinyo mathathu esandleni sakhe,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Isiko lababingeleli phakathi kwabantu lalisithi, xa umntu ebingelela umbingelelo, size isicaka sombingeleli, xa inyama iyaphekwa, ephethe incam yenyama ngesandla sakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku inkqubo yababingeleli nabantu yayikukuthi xeshikweni nabani na enikezela idini, kuthi ngeli xesha imbiza yenyama ibilayo, sifike isicaka sombingeleli siphethe ifolokhwe entloko ineencula ezintathu.