1 Samuel 2:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
sahlaba ngaso elukambeni, umhlaumbi eketileni, umhlaumbi engxaweni, umhlaumbi embizeni; konke ibikunyusa iforoke, watabata umperisite oko kube kokwake. Benje njalo ke e‐Shilo kubo bonke o‐Sirayeli abezayo kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wahlaba nokuba kuselukhambeni, nokuba kuseketileni, nokuba kukungxawu, nokuba kusembizeni: ibisithi yonke into ephume nefolokhwe azithabathele umbingeleli kwangayo. Benjenjalo kumaSirayeli onke abesiza eShilo apho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makaqhotswe ngepani, nokuba kusembizeni, nokuba kusembizeni, nokuba kusembizeni; yonke into esenyameni, umbingeleli wazithabathela yona. Benjenjalo eShilo noonyana bonke bakaSirayeli ababefike khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Besihlaba ngayo epanini, nokuba kuseketileni, okanye esityeni sokupheka, kungenjalo embizeni nje, aze umbingeleli azithathele loo ndawo iphume nefolokhwe. Kwakuqhutywa ngolu hlobo kuwo onke amaSirayeli ayeye eShilo.