1 Samuel 2:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako kungekatshiswa inqata, seza isicaka somperisite, sati kulamntu owabingayo: Nika inyama, yojelwe umperisite; ngokuba engayi kwamkela kuwe inyama epekiweyo, kodwa eṙwada.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo kungekaqhunyiselwa ngamanqatha, ubesithi umfana wakwambingeleli, eze kumntu obingelelayo, athi, Ethe inyama, yoselwe umbingeleli; kuba akayi kwamkela nyama iphekiweyo kuwe, mayibe yekrwada.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye, ngaphambi kokuba kuqhunyiswe amanqatha, wayesiza umlungiseleli wombingeleli aze athi kwindoda ebingelelayo: “Yinike umbingeleli inyama, yosiwe; kuba akayi kusela kudla kuwe, kodwa ekrwada.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ngoku bekuthi, singekatshi siphele isiqhumiso samanqatha, suka isicaka sombingeleli siye kuloo mfo unikezela idini, sithi kuye: “Nika umbingeleli inyama, ose! Akayifuni inyama yakho ephekiweyo; ufuna ekrwada.”