1 Samuel 2:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye nonina wamenzela ingubo encinane, wayizisa kuye iminyaka ngeminyaka, akunyuka nendoda yake ukuza kubinga umbingo womnyaka ngomnyaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Unina ubemenzela ingubo yokwaleka, anyuke nayo, ayise kuye iminyaka ngeminyaka ekunyukeni kwakhe nendoda yakhe, ukuza kubingelela umbingelelo womnyaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, amadoda ayemenzela isambatho sendoda, awayesizisa kuye minyaka le xa wenyuka nomyeni wakhe ukuya kubingelela umnyaka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Minyaka le unina wayedla ngokumenzela umnwetyana, aye nawo eShilo, xa umyeni wakhe aye kwenzela uNdikhoyo idini lonyaka.