1 Samuel 2:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Heli watamsanqelisa u‐Lekana nomfazi wake, wati: Uyehova makakunike inzalo ngalomfazi esikundleni salombolekwa ebolekwayo uyehova. Basuka baya emzini wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UEli wamsikelela uElikana nomkakhe, wathi, UYehova makakunike imbewu ngalo mfazi esikhundleni soceliweyo, owacelwa kuYehova. Bahamba bagoduka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uEli wamsikelela uElikana nomkakhe, wathi, uYehova makakuphe imbewu ngalo mfazi, ngenxa yalowo wabalelwa kuYehova. Bahamba ke baya endlini yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEli wayemthamsanqelisa uElikana nomkakhe uHana, athi: “Ubenga uNdikhoyo angenza lo mfazi akuzalele abanye abantwana endaweni yalo wamcelayo waza wamnikela kuye,” baze ke emva koko bagoduke.