1 Samuel 2:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba omnye umntu uyona ngakuye omnye, abagwebi baya kumgweba; kodwa ukuba umntu uyona ngakuye uyehova, ngubanina oya kumtandazela? Abapulapula ilizwi loyise wabo noko; ngokuba uyehova ebetanda ukubafisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba umntu uthe wona umntu, uThixo uyamlamlela; ke ukuba umntu uthe wona kuYehova, ngubani na oya kumlamlela?Abaliphulaphula izwi likayise; kuba uYehova ubefuna ukubabulala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ubani uthe wona umntu, umgwebi uya kumgweba; kodwa ukuba umntu wona kuYehova, ngubani na oya kumkhusela? Kodwa abazange baliphulaphule ilizwi lesikhohlakali kuba uYehova wayefuna ukubabulala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku umntu one omnye umntu angathethelelwa phambi koThixo; angalanyulelwa kanjani ke xa one uNdikhoyo ngokwakhe?” Ke bona oonyana bakhe abazange bamhoye, naye uNdikhoyo wayeselezimisele ukubatshabalalisa.