1 Samuel 2:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwafika indoda katixo ku‐Heli, yati kuye: Utsho uyehova ukuti: Kanene ndibe ndibonakala ekuhleni kuyo indlu yoyihlo na, nxa babeko e‐Jipete, endlwini ka‐Faro?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kweza umntu kaThixo kuEli, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Kanene ndazityhila na kwindlu kayihlo, beseYiputa endlwini kaFaro?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke weza umfo wakwaThixo kuEli waza wathi kuye: “Utsho uYehova ukuthi, ‘Andizange na ndibonise ukuba ndiyindlu kayihlo ngoxa babeseYiputa endlwini kaFaro?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwafika umfo wakwaThixo kuEli, wathi: “Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Wazi kakuhle ukuba ndazityhila kookhokho bakho, xa babengamakhoboka eJiputa phantsi kokumkani walapho.