1 Samuel 2:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndabendimnyula na kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli abe ngumperisite wam, aze anikele pezu kwesibingelo sam, aqumise isiqumiso, ambate iyefodi ebusweni bam? kanjalo bendinika na indlu yoyihlo yonke iminikelo eyenziwa ngomlilo yosapo luka‐Sirayeli?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndamnyula na ezizweni zonke zakwaSirayeli, ukuba abe ngumbingeleli kum, anyuke esibingelelweni sam, aqhumisele ngeziqhumiso, anxibe iefodi phambi kwam? Ndayinika yonke indlu kayihlo konke ukudla kwasemlilweni koonyana bakaSirayeli?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndimnyule na phakathi kwezizwe zonke zakwaSirayeli ukuba abe ngumbingeleli kum, ukuze enze umbingelelo phezu kwam, anyuse isiqhumiso, anxibe irhonya phambi kobuso bam? Ndiwanikele na onke amadini anyukayo oonyana bakaSirayeli endlwini kayihlo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uyayazi nento yokuba ndabatyumba phakathi kwezizwe zakwaSirayeli, ndathi bona boba ngababingeleli bam, basondele eqongeni lam, benze isiqhumiso, bagaxele *isidanga sam. Ndatsho nokuthi boba nenxaxheba kumadini anikelwa kum ngomlilo ngamaSirayeli.