1 Samuel 2:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kunganina ukuba nikabe ngakuwo umbingo wam nangakuwo umnikelo wokudla wam, endiwuyaleleyo entlalweni yam; nokuba ubeke onyana bako pezu kwam, nize nizityebise ngezinqabileyo izinto zayo yonke iminikelo yokudla yabantu bam o‐Sirayeli?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yini na ke ukuba niwunyathelele phantsi umbingelelo wam nomnikelo wam wokudla, endiwise umthetho ngawo ekhayeni lam, usuke ubazukise oonyana bakho ngaphezu kwam, ukuze nizityebise ngelona nqatha leminikelo yonke yamaSirayeli, abantu bam?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kungenxa yoko le nto ulinyathelayo idini lam, nombingelelo wam endinawo endaweni yam yokuhlala; Uzukise oonyana bakho ngaphezu kwam na, ngokuba ubatyebisa ngemibingelelo yabantu bam amaSirayeli?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kungani ke ukuba ninyelise amadini neminikelo emiselwe ndim endaweni yam? Kungani ukuba uxabise oonyana bakho ngaphezu kwam, suka nizingxale ngokuthatha ezona-zona ndawo ziphambili zeminikelo endiyenzelwa ngabantu bam amaSirayeli?’