1 Samuel 2:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko uti uyehova, utixo wo‐Sirayeli: Bendisitsho ngenyaniso, ukuba indlu yako, nendlu yoyihlo, iya kuhamba ebusweni bam kude kube ngunapakade; kodwa ngoku uyehova uti: Makube le kum oko! ngokuba abo bandibekayo ndiya kubabeka, nabo bandicekisayo baya kudelwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndatsho okunene ukuthi, Indlu yakho nendlu kayihlo yohamba phambi kwam kude kuse ephakadeni; kungoku utsho uYehova ukuthi, Oko makube lee kum; ngokuba ondizukisayo ndiya kumzukisa, abandidelayo bacukucezwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndathi, Indlu yakho nendlu kayihlo yohlala ihamba ecaleni kwam; kodwa Yehova, mntundini, makube lee kum. Kuba ondihlonelayo ndiya kumhlonela, ondidelayo udelekile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngako oko uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, uthi: ‘Mna ndathembisa ukuba indlu yakho nendlu kayihlo yoba ngababingeleli bam naphakade.’ Kodwa ngoku uNdikhoyo uthi: ‘Unotshe! Mna ndiwonga abo bandihlonelayo, abo bandidelayo ndibaqalekise.