1 Samuel 2:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa indoda, endingayi kukunqamlela yona esibingelweni sam, yoba yeyokugqibela amehlo ako, neyokuxalisa umpefumlo wako; kanjalo konke ukwanda kwendlu yako, baya kufa besengamadoda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke andiyi kunqumla mntu wonke wakwakho esibingelelweni sam, ukuze amehlo akho aphele, nomphefumlo wakho uthe; kufe kungamadoda konke ukwanda kwendlu yakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Indoda yakho, endingayi kucilela kumama, iya kuwadla amehlo akho, ibe buhlungu intliziyo yakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nokuba kungakho omnye wenzala yakho osasondela eqongeni, naloo nto iseza kukulilisa ikuhluphe, kuba inkoliso yamadoda endlu yakho iya kufa iselula.