1 Samuel 2:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oku kwoba ngumqondiso kuwe, okuya kuza pezu kwonyana bako ababini, u‐Hofeni no‐Finehasi: emhleni mnye baya kufa bobabini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nguwo lo umqondiso kuwe, oya kubafikela oonyana bakho bobabini, uHofeni noPinehasi: baya kufa bobabini ngamhla mnye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nguwo lo umqondiso kuwe, oya kubafikela oonyana bakho bobabini, uHofeni noPinehasi; ngenye imini baya kufa bobabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“ ‘Into eya kufikela uHofeni noPineyasi oonyana bakho iza kuba ngumqondiso kuwe wale nto yonke endiyithethileyo. Bona baza kufa ngamini-nye.