1 Samuel 2:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, osukuba esele kuyo indlu yako, uya kuza aziqubude pambi kwake ngenxa yeqosha lesilivere nesimba lesonka, ati: Kaundibeke komnye wemisebenzi yabaperisite, ukuba ndidle umtamo wesonka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi, lowo useleyo endlwini yakho, eze azigobe kuye ngenxa yeqhosha lesilivere nesuntswana lesonka, athi, Khawundifake komnye umsebenzi wobubingeleli, ukuze ndidle iqhekeza lesonka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kothi, lowo useleyo endlwini yakho, eze azigobe kuye ngenxa yeqhosha lesilivere nesuntswana lesonka, athi, Khawundifake komnye umsebenzi wobubingeleli, ukuze ndidle iqhekeza lesonka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bonke abomzi wakho abaya kusinda baya kuya kuloo mbingeleli wam, bazithobe kuye, bacele imali nento etyiwayo, bathi: “Ndivumele ukuncedisa ababingeleli, khon' ukuze ngaloo ndlela ndizuze into etyiwayo.” ’ ”