1 Samuel 2:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyasukisa olihlwempu elutulini, uyapakamisa osweleyo enkunkumeni, abahlalise nenkosi, enze babe zindlalifa zesihlalo sobungcwalisa; ngokuba intsika zomhlaba zize zikayehova, ubekile umhlaba pezu kwazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uvusa eluthulini abasweleyo, Aphakamise amahlwempu ezaleni, Ukuba awahlalise namanene; Uwabela ilifa elisihlalo sozuko;Ngokuba zezikaYehova iintsika zehlabathi, Walimisa phezu kwazo elimiweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uphakamisa ihlwempu eluthulini, aphakamise umngqibi emgqomeni wothuli, ukuze ammise phakathi kweenkosana aze amenze abe yindlalifa yetrone yozuko; kuba iintsika zehlabathi zezikaYehova, yaye umhlaba phezu kwazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nguye ophakamis' iindway' eluthulini, abasuse eluthuthwini abahlelelekileyo, ababeke kunye neendwalutho, baxhamle uzuko lobukhosi. Iintsika zehlabathi zezikaNdikhoyo; walithi zinzi elimiweyo phezu kwazo.