1 Samuel 2:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kugcina inyawo zabangcwele bake, kanti abakohlakeleyo baya kuti cwaka ebumnyameni; ngokuba umntu engayi kweyisa ngamandla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iinyawo zabakhe benceba uya kuzigcina, Abangendawo badake ebumnyameni; Ngokuba indoda ayeyisi ngamandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iinyawo zabakhe benceba uya kuzigcina, Abangendawo badake ebumnyameni; ngokuba akukho mntu uya kweyisa ngamandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nguye umkhuseli weenyawo zabakholose ngaye. Bothi shwaka ebumnyameni abakhohlakeleyo. Akungamandla amntu ukuphumelela.