1 Samuel 20:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WANDULA u‐Davide wesaba e‐Nayote ngase‐Rama, weza wati ebusweni buka‐Jonatane: Iyinto nina endiyenzileyo? liyinina ityala lam? siyinina nesono sam ebusweni boyihlo, ukuba uyafuna ubomi bam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabaleka uDavide eNayoti ngaseRama, weza, wathi phambi koYonatan, Ndenze ntoni na? Buyini na ubugwenxa bam? Siyini na isono sam phambi koyihlo, ukuba angxamele umphefumlo wam nje?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabaleka uDavide eNayoti ngaseRama, weza, wathi kuYonatan, Ndenze ntoni na? yintoni ingxaki yam Siyini na isono sam phambi koyihlo, ukuba ufuna ukundibulala?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko uDavide wasaba eNayoti eRama, wabalekela kuJonatan. Ufike wabuza wathi: “Ngaba yintoni le ndenze yona kukumkani? Ndenze tyala lini? Ndimone ngani na uyihlo le nto afun' ukundibulala?”