1 Samuel 20:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
makenje njalo uyehova ku‐Jonatane, alekele ukwenje njalo! kodwa ukuba kuyakolisa ubawo ukuzisa ububi pezu kwako, ndiya kwandula ndiyityile endlebeni yako, ndikundulule, ukuba uhambe ngoxolo: wanga uyehova angako nawe, njengokuba ebeko nobawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
makenjenje uYehova kuYonatan, makaqokele ukwenjenje. Xa kuthe kwalunga kubawo ukuba akwenze ububi, ndoyityhilela indlebe yakho, ndikundulule, uhambe unoxolo; uYehova makabe nawe, njengokuba ebenobawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenjenjalo uYehova kuYonatan, ongezelele; ukuba ubawo uthe wafuna ukunenza okubi, ndonazisa, ndinikhulule, nihambe ninoxolo; uYehova abe nawe, njengokuba ebenobawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke ukuba uzimisele ukukwenzakalisa, ndize mna ndingakuxeleli khon' ukuze ubaleke, aze andohlwaye mna lo uNdikhoyo. UNdikhoyo makabe nawe kanye njengoko wayenobawo!