1 Samuel 20:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bona ke, ndiya kutuma umfana, ndisiti: Hamba, uzifune intolo. Ukuba nditi ekuhleni kumfana: Nanzi intolo zinganeno kwako, zitabate; wandule uze, ngokuba kuko uxolo kuwe, kungeko nto, njengokuba uyehova ehleli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, ndiya kumthuma umfana, ndithi, Yiya, uzithabathe iintolo. Ukuba ndithe kumfana, Nanzi iintolo, zinganeno kwakho, zithabathe: woza wena; ngokuba koba kuluxolo kuwe, akukho nto, ehleli nje uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, ndiya kuthuma umfana, wathi, Hamba uye kuzifuna iintolo. Ukuba ndithe kwinkwenkwe, Nanzo iintolo zingaphaya kwakho, zithabathe; uze ke, ngokuba uxolo lunawe, akukho ngozi; NgoYehova ophilileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko ke ndothuma isicaka ukuba siye kuzikhangela. Xa ndithi kwisicaka: ‘Nazi iintolo nganeno kwakho, yiza nazo;’ uze uqonde ukuba akukho ngozi, uphume ubuye.