1 Samuel 20:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Saule akateta nanye into ngomhla lowo; ngokuba ebesiti: Uhlelwe yinto; akacocekile, ngenyaniso akacocekile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akathetha nto uSawule ngaloo mini; ngokuba ebesithi, Uhlelwe yinto; akahlambulukile, inene, akahlambulukile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akathetha nto uSawule ngaloo mini, ngokuba wathi: “Uhlelwe yinto embi, akahlambulukanga; Ngokuqinisekileyo akacocekanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kodwa uSawule akazange athethe nto loo mini, kuba wacinga esithi: “Ngahle kukho nto imvaleleyo uDavide, emenze waba ngongahlambulukanga – inene *unomlaza.”