1 Samuel 20:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ngomnye umhla, ngowesibini wenyanga etwasileyo, kwakufunyanwa zé indawo ka‐Davide, wandula wati u‐Saule ku‐Jonatane unyana wake: Kunganina ukuba unyana ka‐Jese akezanga ekudleni nezolo nanamhla?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngengomso, iselithwasile nenyanga ngosuku lwesibini, ayaba namntu indawo kaDavide. Wathi uSawule kuYonatan, unyana wakhe, Yini na ukuba angezi kudla unyana kaYese nayizolo nanamhla?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngengomso, ngomhla wesibini wenyanga, ayaba namntu indawo kaDavide. Wathi uSawule kuYonatan unyana wakhe, Yini na ukuba angezanga kudla unyana kaYese izolo nanamhlanje?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngengomso olandela itheko lokuthwasa kwenyanga ayibanga namntu kwakhona indawo kaDavide, waza uSawule wabuza kuJonatan wathi: “Kutheni engezanga esidlweni izolo nanamhla unyana kaJese?”