1 Samuel 20:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wayesiti: Ndindulule ke, ngokuba isizalwane setu sinombingo esixekweni; kanjalo umkuluwe wam undiyalele ngokwake: ngako kaloku, ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako, makendisuke ke, ndiye kubona abakuluwe bam. Kukona ke angezanga etafileni yokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathi, Khawundiyeke ndiye; ngokuba kukho umbingelelo wemizalwane yakowethu ekhaya; ke yena umkhuluwa wam undiwisele umthetho; kaloku ukuba undibabale, makhe ndigidime, ndibone umkhuluwa wam. Kungenxa yoko angezanga etafileni yokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ndindulule, ngokuba kukho umbingelelo wemizalwane yakowethu ekhaya; wandiwisela umthetho ke umkhuluwa wam, wathi, Mandiye kubona abazalwana bam ngoko, ukuba ndibabalwe nguwe kutheni angezi etafileni yokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe: ‘Nceda undikhulule, kuba kowethu eBhetelehem kuza kubakho idini, waye ke nomkhuluwa wam undiyalele ukuba ndibekho nakanjani. Ukuba ungumhlobo wam, ndikhulule ndikhe nditsibe ekhaya, ndibone amawethu.’ Yiyo ke loo nto umbona engekho nje endaweni yakhe apha etafileni kakumkani.”