1 Samuel 20:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walekela wafunga u‐Davide, wati: Uyihlo uyazi ngenyaniso ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako; ngako ute: Makangazi oku u‐Jonatane, hleze adandateke; kodwa noko, njengokuba uyehova ehleli, na njengokuba umpefumlo wako uhleli, kuko inyatela linye kupela pakati kwam nokufa!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafunga phezu koko uDavide, wathi, Uyihlo uyazi kakuhle ukuba undibabale; uthi, Makangakwazi oku uYonatan, hleze abe buhlungu. Inene, ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, ngathi sisithuba esinye sokunyathela esiphakathi kwam nokufa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuya wafunga uDavide, esithi, Uyihlo uyazi okunene, ngokuba ndinenceba kuwe; Wathi, Makangazi uYonatan, hleze abe buhlungu; kodwa eneneni ngoYehova ophilayo nomphefumlo wakho uphila, linyathelo elinye kuphela phakathi kwam nokufa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wafunga uDavide, wathi: “Kaloku uyihlo uyazi kakuhle ukuba undithanda kakhulu, waza ke wayifihla le nto kuwe yokuceba ukundibulala, esithi: ‘UJonatan makangakwazi oku, kuba woba buhlungu.’ Kodwa ndithi kuwe, ekho nje *uNdikhoyo, nawe ukho nje, lona ingcwaba sendilikrobile!”