1 Samuel 20:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula yavuta ingqumbo ka‐Saule ngakuye u‐Jonatane, wati kuye: Wena nyana womfazi ogwenxa ongevayo! andazi na ukuba umnyulile unyana ka‐Jese libe lihlazo lako, nehlazo lobuzé bonyoko?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavutha ke umsindo kaSawule kuYonatan, wathi kuye, Nyana wegwenxakazi eligwilikileyo, andazi yini na ukuba unyana kaYese umnyulele ukuba abe lihlazo lakho, nehlazo lobuze bonyoko?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSawule wavutha ngumsindo kuYonatan, wathi kuye, Nyanandini wendoda engendawo, enenjubaqa, andazi na ukuba kutheni na ukunyula unyana kaYese ukuba abe ngumphangi wakho, nehlazo lokukreqa kukanyoko?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wavutha ngumsindo uSawule akuyiva le ntetho kaJonatan, wathi: “Yini le, gqubushandini lomvukeli! Uba andikuqondi ukuba ukhetha icala likaDavide unyana kaJese? Phofu uzihlaza wena kunye naloo nyoko wakuzalayo.