1 Samuel 20:36 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati kumfana wake: Baleka, uzifune ke intolo endizitolayo. Nxa umfana abebaleka, watola utolo ukuba alugqitise kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kumfana, Khawubaleke, uzithabathe iintolo endizixunayo. Umfana wabaleka; ke yena wazixuna iintolo, ukuze zigqithe kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kunyana wakhe, Gidima, uzikhangele iintolo endizixunayo. Yabaleka inkwenkwe leyo, yadubula utolo ecaleni kwayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wathi kuyo: “Baleka ulande iintolo zam ndakuzidubula.” Yabaleka ngaphambili loo nkwenkwe, uJonatan wadubula utolo lwaya kuwa ngaphaya kwayo.