1 Samuel 20:42 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Jonatane ku‐Davide: Hamba ngoxolo: ngokokuba sifungile sobabini egameni likayehova, sisiti: Uyehova makabe pakati kwam nawe, napakati kwenzalo yam nenzalo yako, kude kube ngunapakade! Waselesuka wemka; wati u‐Jonatane wangena esixekweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYonatan kuDavide, Hamba unoxolo; makume esikufungele igama likaYehova thina sobabini, sisithi, UYehova makabe phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yam nembewu yakho, kude kuse ephakadeni. Wesuka ke wahamba. Ke uYonatan waya ekhaya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYonatan kuDavide, Hamba unoxolo, ngokuba safunga egameni likaYehova, sathi, uYehova makabe phakathi kwam nawe kude kuse ephakadeni, naphakathi koonyana bam noonyana bakho. Wemka uYonatan, wahamba, wangena uYonatan esixekweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwesi sithuba uJonatan uthe kuDavide: “Hamba ngoxolo, mfondini, kuba thina sobabini sifungile egameni likaNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo ulingqina phakathi kwam nawe, naphakathi kwenzala yam neyakho.” UDavide ke wemka, waza yena uJonatan wabuyela edolophini.